Iziphathamandla
Mlawuli Nkqubo,
Manene namanenekazi.
Ndivuseleleka kakhulu ukuba lapha ngexesha lotyelelo loshishino olucacileyo lwe-dti kwidolophu yenu. Kubalulekile ngokokwam ukuba ushishino olucacileyo lwe-dti lude lweza eMpuma Koloni, ummandla ophinde walikhaya lam. Xa ndandize eMpuma Koloni okokuqala njengomfundi kwiminyaka emininzi eyadlulayo, ndatsalelwa ukuba ndifake isandla kwezopolitiko nakusukuzwano lweepolitiki kulo mmandla. IMpuma Koloni inembali ende neqhayiya ekuchasaneni nosukuzwano ngokobuhlanga nengcinezelo, yaye ibe nakho ukuvelisa iingqondi kwakunye neenkokheli. Ubuchule obafumaneka ngezontsuku basiqeqesha ukuba sibe ziinkokheli ezilungileyo eziqondayo ukuba kulungiselelwa njani yaye kuthathwa inxaxheba ngempumelelo nangokuqhuba ulwakhiwo. Bobu buchule obusincede kakuhle kuMzantsi Afrika olawula ngentando yesininzi yaye buyafuneka kwezopolitiko; Obu buchule bunokuba lulutho ngamandla ukuqhuba ishishini. Umceli mngeni wethu kuMzantsi Afrika olawula ngentando yesininzi ayiselulo ucalucalulo kodwa kukutyhalela ubuhlwempu obugqubayo umva buhlwempu obo babangelwa ngurhulumente wengcinezelo. Kufuneka sisebenzise bonke ubuchule esibufumeneyo kwiminyaka edlulileyo ukwenzela sikwazi ukwenza le nto kwaye kufuneka sisebenzise onke amaqhinga okuyila akhoyo kuthi, njengophuhliso lwamashishini asakhulayo, ukwenzela sidale amathuba emisebenzi sidambise ubuhlwempu. Kubalulekile kum ukuba abantu balo mmandla babe nakho ukujika obo buchule bokufaka isandla kwezopolitiko bube bubuchule boshishino baze bafumane iindlela zokuncedana njengoko besisenza ngaphambi ko-1994.
Enye yeentsingiselo ezivelisiweyo kwiminyaka embalwa edlulileyo kukuba abantu bethu balindele lukhulu kurhulumente kunokuba nako angakunikeza. Ndinakana ukuba thina kurhulumente, njengeenkokheli namagosa kulawulo lwabantu abaqeshiweyo, funeka sityhalwe ukunikeza iinkonzo ezingcono nezinobulunga ebantwini beli lizwe, kodwa abantu baseMzantsi Afrika banendima ebalulekileyo abafuna ukuyidlala ukwenzela ukukhulisa eli lizwe ngoqoqosho. Oku kukuba urhulumente unabo ubutyebi anokuphila ngabo kwezi zinto zilindelekileyo yaye unako ukwakha imigaqo, ukunikezela ngemali ezikolweni, ukubhatala iipenshini, ukuxhasa abantwana, ukunikeza ngeekliniki nangezinye izinto ezininzi.
Kungenxa yomyalezo osengqondweni endisoloko ndiwunikezela kwiiforam zeshishini endenza intetho kuzo, ukukhumbuza abarhwebi ngendima karhulumente ekuxhaseni amashishini asakhulayo. Singabenzi lula, abaxhasi bamashishini yaye sizinzise iindlela ezininzi zokuncedisa ii-SMME kodwa ngumsebenzi onzima wabarhwebi ngoku ngokwabo ukuzibophelela ekwenzeni umsebenzi weshishini labo ukuba ibe ngowona ubalulekileyo kwimpumelelo yelo shishini, nokwenzela uqoqosho lommandla, kwakunye nowelizwe. Urhulumente akanakho ukukuqalela ishishini aliqalele okanye aliqhubele wena kodwa into esingayenza nesizama ngamandla kakhulu ukuyenza, kuku kuncedisa ngokukunika iingcebiso, uqeqesho, ulwazi, ukukutshintshela kulwazi ngobugcisa jikelele, ukukuqinisekisa ngobulunga, ukuphuhlisa ubuchule kwakunye nezinye iindlela ezininzi zokuxhasa. Owona mceli mngeni wethu mkhulu kukuqinisekisa ukuba le nkxaso iyafumaneka kubo bonke abarhwebi, kwilizwe liphela.
Ukhuliso nophuhliso lweedolophu ezincinci kunye neendawo ezisemaphandleni zelizwe lethu kubaluleke kakhulu kuqoqosho nakuphuhliso lasekuhlaleni lelizwe lethu, kodwa sidla ngokubona ukuba zezi ndawo ezingayifumaniyo inkxaso neziyifunayo. Oku kusalela kwenkxaso akuqhubekeki ngenxa yokuba sikwenze ikheswa ukubaluleka kwezi ndawo kwilizwe lethu koko kungenxa yobukhulukazi belizwe lethu kwakunye neenzima zokuxhasa abantu kunye namashishini eendawo ngokwaneleyo. I -dti inakane oku yaye iyawuchaza lo mceli mngeni ngokuhambisa ushishino olucacileyo lwe-dti.
Manenekazi namanene, mlawuli nkqubo; okwangoku ushishino olucacileyo lwe -dti linyathelo lokuqala elibalaseleyo ukulungiselela ukuxhasa iinkonzo zoshishino ixeshana elifutshane yaye ngokuqinisekileyo liza kunceda amashishini amaninzi kwilizwe liphela ngeendlela ezahlukeneyo, Andikholelwa ukuba njengesisombululo sexesha elide liyagcinwa. Ndingathanda ukubona kwixesha elide uzinziso olusisigxina lokuxhasa iziko lenkonzo yeshishini kwezi ndawo yaye loo maziko adibane ku-dti nolunye usapho lwamaziko. Xa ujonga inani leedolophu ezincinci nobukhulukazi beendawo zethu zasemaphandleni, ayinokwenza ukuba I -dti okanye amashishini abenzeli azalisekise alungelelanise inkqubo enjalo ngaphandle kwenkxaso esebenzayo yorhulumente wengingqi norhulumente wephondo. Kukho izinto ezingenzeka ukuba sifuna ukuphonononga ukuba singawasebenzisa njani lamaziko akhoyo ukuze umbuso ube nokusebenza anjengamathala eencwadi, ii -ofisi zikamasipala okanye iindawo zokwamkela ukunika inkxaso kubarhwebi. Ndikholelwa ngokumandla ukuba umsebenzi omninzi ufuna ukwenziwa ngurhulumente kazwelonke, wephondo kwakunye nowengingqi ukuchaza kakuhle iimfuno zabarhwebi kwiidolophu ezincinci nakwiindawo ezisemaphandleni.
Inkxaso efuna ukunikezwa kubarhwebi asiyonkxaso yemali kuphela njengoko kudla ngokucingwa njalo ngabantu. Le nkxaso ibaluleke kakhulu, kodwa ayonelanga ukuqinisekisa impumelelo yeshishini. Abantu bethu kufuneka benikwe ingcebiso zokuba liqalwa njani ishishini, ukuyila njani ukusebenza nokuqhutywa kweshishini, yaye ulibhalisa njani ishishini. Bafuna inkxaso ngohlobo lokuqeqeshwa ukwenzelwa baqhube ishishini ngokusebenzayo nangokunenzuzo. Bakwa funa ukwazi ukuba bangayirhwebisa njani imveliso yabo kwakunye neenkonzo zamashishini abo kwakunye nokuba bangawagqibezela njani amaxwebhu abo obulondolozi ukwenzela babenakho ukukhuphisana ngezivumelwano zikarhulumente. Njengoko amashishini esiya ebanobunkunkqele kukuba inkxaso enokwenzeka abayifunayo iyanda, umzekelo ijonge ekuphuculeni kulwazi ngobugcisa jikelele, ukuzimanya kumanqanaba ezizwe, njl-njl.
Siyaqonda ukuba kukho inani lemiceli mngeni elijongene namashishini asakhulayo eMzantsi Afrika yaye le miceli mngeni ijongwe ngelihlo elibukhali ngamashishini amancinci kwiindawo ezisemaphandleni nakwiidolophu ezincinci. Iinkonzo ezithe zanikezelwa lushishino olucacileyo lwe-dti ngokuqinisekileyo amaninzi aqala ngokuchaza le miceli mngeni yaye ekuhambeni kwexesha namhlanje, uza kuva ngaphezulu ngokuba singakunceda kanjani.
Manene namanenekazi, inkxaso esithi njengorhulumente siyinikeze kumashishini asakhulayo iyimfuneko kakhulu ukuba sifuna ukuphuhla nokukhula njengelizwe nanjengoqoqosho, kungenxa yoko ushishino olucacileyo lwe-dti ilulo oluphatheleleke kakhulu. Njengoko benditshilo ngaphambili, kungamashishini asakhulayo ukuba singaba nakho ukuchaza inani lemiceli mngeni engundoqo ejongene noluntu lwethu, ingakumbi ngokwengxaki zokungabinamsebenzi, ukukhula koqoqosho, namandla oqoqosho lwabamnyama. Ayisikokuba kungamashishini asezixekweni ezikhulu into yokuba sizakuzichaza ezi nyewe, kungamashishini onke, kwilizwe lonke lethu liphela. Ishishini lakho kwidolophu okanye kwilali yakho ngenxa yoko, ibaluleke kakhulu ekwenzeni impumelelo yeli lizwe.
Eminye yemisebenzi urhulumente ayenzayo ayinakubonakala iphathelelene nawe, kodwa ngumsebenzi wokuphucula imeko elizweni ukwenzela okungqonge ushishino kube kokwakhayo, ntoleyo amashishini aseMzantsi Afrika angaba nakho ukwandisa indlela zawo zokusebenza, kuba kukho iinkampani ezintsha zamanye amazwe ezizinziswe eMzantsi Afrika, kwaye kukho amathuba amaninzi akhoyo kubarhwebi bengingqi. Ngenxa yalo msebenzi kukho inani lamathuba amaninzi anika umdla wamashishini eMzantsi Afrika namhlanje -siluqoqosho olukhulayo, indawo enomtsalane kubakhenkethi bezizwe yaye ngaphezulu nangaphezulu siba ngabaxhasi bezizwe kwizinto ezenziwayo. Kwabanye benu abo bangekabikho kushishino okanye abo benu bajonge ukwandisa iingqiqo zabo, oku kunikezela ngethuba elinomdla. Kuza kubakho inani lemiceli mngeni ukoyisa ukulandela amathuba anjalo, kodwa imivuzo mikhulu kwabo basebenza nzima yaye banempumelelo. Eminye imizekelo yamathuba, nawo afumanekayo kumashishini kwiidolophu ezincinci nakwiindawo ezisemaphandleni oMzantsi Afrika, kuku khenketho, ekwakhiweni kwezinto ezithunyelwa ngaphandle nakwinkqubo edibene nolimo.
Njengabarhwebi nikwafuneka niqalise ukujonga ngaphaya kwemida yedolophu yakho okanye ilali ujonge okuqhubekayo kumaziko oshishino amakhulu aseMzantsi Afrika nakwimarike zezizwe. Ndiqinisekile ukuba abacebisi beshishini abakhoyo apha namhlanje banganinikeza ulwazi olungaphaya ngamathuba akhoyo, nokuba ungaqalisa njani ukufikelela kuwo nokuqalisa ukujonga ukuba i -dti ingakuxhasa njani kula malinge.
Manene namanenekazi, ukuphetha, ndingathanda ukunibulela ngokuza kushishino olucacileyo lwe -dti kwaye ndiyathemba ukuba niza kuzuza kulwazi nakwinkxaso eza kunikezwa apha namhlanje. Ndakhumkhanyo ukubona amashishini enu ekhula nani nisiba ngabarhwebi abanempumelelo.
Phambi kokuba ndivale, ndingathanda ukucela ukuba la mashishini akhoyo apha namhlanje nanalo elithuba lokufumanisa ngokuphandle ukuba i -dti iwathembisa ntoni amashishini, athabathe olu lwazi abuyele kubantu bamashishini abangakwazanga ukubakho namhlanje.
Ndiyabulela ngokundiphula phula.
